2 Samuel 23:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, unyana wendoda ebuṙoti, obemkulu ngezenzo, owase‐Kabetsele, yena wabulala amadoda mabini abungonyamaṙa ase‐Mowabi: kanjako wehla wabulala ingonyama pakati kwomnxuma ngomhla wengqele:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, waseKabhetseli, owenza izenzo ezininzi, wabulala amadoda amabini akwaMowabhi, njengeengonyama;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.