2 Samuel 23:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati utixo wo‐Sirayeli, — olilityekazi lo‐Sirayeli wateta kum, esiti: Kwobako umpati pezu kwabantu olungileyo, umpati emoyika utixo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi uThixo kaSirayeli, ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi, Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa, Elawula ngokoyika uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kaSirayeli, Iliwa lakwaSirayeli lithethile kum, lathi, Olawula abantu uya kuba lilungisa, alawule emoyika uThixo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthethile uThixo kaSirayeli; iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi: “Lowo kumkani ulawula ngobulungisa, lowo ulawula esoyika uThixo,