2 Samuel 23:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba indlu yam ingenjalo kutixo, undimisele ucebano olungunapakade noko, olulungiselelweyo ngento zonke, oluqinisiweyo; ngokuba engayi kuluhlumisa ngenyaniso na lwonke usindiswa lwam, nalo lwonke unqwenelo lwam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo? Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade, Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke, Akayi kukuhlumisa yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nakuba indlu yam ingenjalo kuThixo; noko ke wenze nam umnqophiso ongunaphakade, osingiselwayo, osisiqinisekiso sezinto zonke; kuba oku kukusindiswa kwam konke kunye nomnqweno wam wonke, nokuba akaphakamisi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam, kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike, umnqophis' ongayi kwaphulwa, dinga elingagugiyo. Uya kuluphumelelisa usindiso lwam, awufezekise wonke umnqweno wam.