2 Samuel 23:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NANGA amagama amagoṙa u‐Davide abenawo: u‐Yoshebe‐bashebete um‐Tahakemoni, intloko yenjengele; nguye u‐Hadino um‐Hetsene: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu asibozo abahlatyiweyo nguye ngexesha linye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathi-mikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngawo la amagama amadoda anamandla awayekunye nawo uDavide: uTahemon owayehleli etroneni, intloko yeenkosana; yayinguAdino, eMoesne; wanqanda umkhonto wakhe kumazinyo angamakhulu alithoba anamabini awawahlabayo kwakanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.