2 Samuel 23:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko emva kwake u‐Elezari, unyana ka‐Dodo, unyana wom‐Ahoha; ebepakati kwawo amagoṙa amatatu ndawonye no‐Davide, akuba ebegxeka ama‐Filistiya abebutene kona ukulwa, nxa amadoda akwa Sirayeli abenyukile:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngasemva kwakhe nguEleyazare unyana kaDodo umAhowa, omnye wamagorha amathathu awayenoDavide, ekulweni kwabo namaFilisti awayelapho ukuba aye kulwa, namadoda akwaSirayeli ahamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli,