2 Samuel 24:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula intliziyo ka‐Davide yambeta, emveni kwokuba ebebalile abantu. Waza wati u‐Davide kuyehova: Ndonile kakulu ngoko endikwenzileyo: kodwa kaloku, Yehova! zukwelelise inkohlakalo yesicaka sako, ngokuba ndenze ngobudenge kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ngobudenge obukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaphuka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; ngokuba ndenze izinto ezininzi zobudenge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kusuke kwathi akuba elwenzile olo balo uDavide wangenwa kukuba nomva-ndedwa. Waza ke wazibika kuNdikhoyo wathi: “Ndenze into embi gqitha ngesi senzo, Ndikhoyo. Ngoko ke ndiyakubongoza, bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”