2 Samuel 24:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Gadi weza ku‐Davide, wamxelela, wati kuye: Kuya kuza kuwe iminyaka esixe̔nxe yendlala na elizweni lako? umhlaumbi uya kwesaba na inyanga ezintatu pambi kwentshaba zako, nxa zikuputumayo? umhlaumbi iya kubako imihla emitatu yesifo esibubisayo elizweni lako kusinina? telekelela kaloku, ugqale lelinina ilizwi endiya kulibuyisela konditumileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzelwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usabe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na?Kubekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, ulenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Sele uneminyaka esixhenxe na kulamba ezweni lakho? Okanye wobaleka utshaba lwakho iinyanga zibe ntathu na, lukusukela? Okanye ngaba iintsuku ezintathu zesibetho kwilizwe lakho? kongeza ngoku, ubone into endiya kuyenza kowandithumayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGadi ke waya kuDavide, wafika wamxelela esithi: “Khetha phakathi kweminyaka esixhenxe yendlala ezweni lakho, okanye iinyanga ezintathu ubalekana neentshaba zakho xa zona zikusukela, okanye iintsuku ezintathu kukho isibetho sikabhubhani ezweni lakho. Cingisisa ugqibe, undinike impendulo emandiyise kulowo undithumileyo.”