2 Samuel 24:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Gadi: Ndixakekile kakulu; makesiwe esandleni sikayehova, ngokuba izibele zake zininzi; mandingawi esandleni sabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe;mandingaweli esandleni somntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuGadi, Ndibandezelekile; masiwele kaloku esandleni sikaYehova; ngokuba inkulu inceba yakhe, mandingaweli ezandleni zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele siwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”