2 Samuel 24:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uyehova watuma isifo esibubisayo kwa‐Sirayeli, kwa kuwo umso lowo kude kwakulo ixesha elimisiweyo: aza afa kubantu, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, amadoda angamawaka angamashumi asixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa elimisiweyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli. Saqalisa kwangentsasa yangaloo mini, kwada kwaya kutsho kwelaa xesha wayelimisele. Kwafa amashumi asixhenxe amawaka abantu ukusukela kwaDan kuye kutsho eBheshebha.