2 Samuel 24:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati yakwolula ingelosi isandla sayo pezu kwe‐Yerusaleme ukuyitshabalalisa, wandula uyehova waba nosizi pezu kwobubi obo, wati kuyo ingelosi ebitshabalalisa ebantwini: Kwanele; yekisa kaloku isandla sako. Kekaloku ingelosi kayehova ibingasesibayeni sokubula sika‐Arauna um‐Yebusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandeni sika-Aravena umYebhusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ingelosi yasolula isandla sayo nxamnye neYerusalem ukuze iyitshabalalise, uYehova waba nosizi ngenxa yaloo ntlekele waza wathi kwingelosi eyayitshabalalisa abantu: “Kwanele, bamba isandla sakho! Ke isithunywa sikaYehova sasihleli etroneni ka-Aravena umYebhusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa isithunywa sikaNdikhoyo sasisolula isandla siza kutshabalalisa iJerusalem, uNdikhoyo wazijika iimbono zakhe ngenxa yaloo ntlekele, waza wathi kwisithunywa esasitshabalalisa abantu: “Kwanele! Sirhoxise isandla sakho.” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa sasingakwisanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi.