2 Samuel 24:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta u‐Davide kuyehova, akuyibona ingelosi ebibeta ebantwini, wati: Bona ke, ndim ondonileyo, kanjalo ndim ondenze ngobugwenxa; kodwa igusha ezi, yinto nina ziyenzileyo? isandla sako masibe ngakum, nangakuyo indlu kabawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Uyabona, ndonile mna, ndenze ngobugwenxa mna;umhlambi lo wona wenze ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibabulala abantu, wathi, Yabona, ndonile, ndonile; kodwa ezi zimvu zenze ntoni na? isandla sakho masibe phezu kwam, naphezu kwendlu kabawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusibona uDavide eso sithunywa sasibhubhisa abantu, wathi kuNdikhoyo: “Ndim owonileyo wenza ubugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Isandla sakho masohlwaywe mna kunye nomzi kabawo.”