2 Samuel 24:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ukumkani ku‐Jowabi, inkosi yempi ebinaye: Kaucande kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, kwa se‐Dane kude kube se‐Beresheba, nibale abantu, ukuba ndilazi inani labantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke ukumkani kuYowabhi, umthetheli-mpi obenaye, Khawutyhutyhe ezizweni zonke zakwaSirayeli, uthabathela kwaDan use eBher-shebha, nibabale abantu, ndilazi inani labantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuYowabhi, umthetheli-mkhosi obenaye, Hamba uye kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, uthabathela kwaDan use eBher-shebha, ubabale abantu, ndilazi inani labantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide ukumkani uyalele uJowabhi umphathi-mkhosi owayekunye naye, wathi: “Zibale zonke izizwe zakwaSirayeli, ukususela kwaDan kuse eBheshebha, khon' ukuze ndilazi inani labantu.”