2 Samuel 24:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Arauna wakangela, wabona ukumkani nezicaka zake bedlula besiza ngakuye; waza wapuma u‐Arauna, wazitoba pambi kwokumkani ngobuso bake ngasemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye; waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ejonge phantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akukhangela uAravena, wabona ukumkani esiza kuye ehamba namaphakathi akhe. Waphuma uAravena, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi kokumkani.