2 Samuel 24:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Arauna: Kunganina ukuba inkosi yam ukumkani ize esicakeni sayo? Wayesiti u‐Davide: Ukuba nditenge kuwe isibaya sokubula, ukuze ndimakele uyehova isibingelo, ukuba isibulalo sinqamke ebantwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isanda kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAravena, Yini na ukuba inkosi yam ukumkani ize kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiya kunithengela isibingelelo, ukuze wakhele uYehova isibingelelo, sithintele abantu isibetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uAravena wathi: “Kungani ukuba ukumkani inkosi yam eze kwisicaka sakhe?” Waphendula ukumkani uDavide wathi: “Ndize kuthenga esaa sanda sokubhula sakwakho, ndize ndakhele kuso uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini.”