2 Samuel 24:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Arauna wati ku‐Davide: Maiti inkosi yam ukumkani itabate inikele konke okulungileyo emehlweni ayo; kangela, nanzi inkabi zibe lidini lokutshiswa, nenqwelwana zokubula nempahla zenkabi zibe zinkuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAravena kuDavide, Ukumkani wam makathabathe ukumkani wam, axhelele oko kulungileyo kuye; nanzi iinkomo zokutshisa umlilo, neenkomo, nezinye izinto zeenkomo ukuba zibe ziinkuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uAravena kuDavide: “Inkosi yam ukumkani mayithathe konke okukholekileyo kuyo, yenze idini. Naziya iinkabi zeenkomo zokwenza idini elitshiswayo. Naziya nezileyi zokubhula kunye needyokhwe zokwenziwa iinkuni.