2 Samuel 24:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wakela kona kuyehova isibingelo, wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo. Ngako uyehova wakungeleka ngenxa yelizwe, sada sanqamka isibulalo kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wamakhela khona uYehova isibingelelo waza wanikela iminikelo etshiswayo nemibingelelo yombulelo. Ngoko uYehova walithandazela ilizwe, yaye isibetho sayeka kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wakuva uNdikhoyo ukuthandazelwa kwelizwe, satsho saphela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli.