2 Samuel 24:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Jowabi kukumkani: Makongeze uyehova, utixo wako, ebantwini, inani elinjengokuba bengaka, nelinjengokuba bengaka kube ngamaxesha alikulu, aze amehlo enkosi yam ukumkani abone oko: kunganina pofu ukuba inkosi yam ukumkani inyamekela lento?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowabhi kukumkani, Makongeze ke uYehova uThixo wakho ebantwini izihlandlo ezilikhulu, bengangoko bangako, abone namehlo enkosi yam ukumkani; ke yini na ukuba inkosi yam ukumkani iyifune le nto?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowabhi kukumkani, uYehova uThixo wakho makalunyuse uhlanga ngokuphindwe kalikhulu, engenakubalwa, abone namehlo okumkani, inkosi yam; Yini na ukuba ivume inkosi yam ukumkani ngale nto?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uJowabhi wathi kukumkani: “Ngamana uNdikhoyo uThixo wakho wabandisa kalikhulu abantu, aze amehlo enkosi yam ukumkani ayibone loo nto. Kodwa ke, nkosi yam mhlekazi, ngani ukuba ufune ukwenza into enje?”