2 Samuel 24:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ilizwi lokumkani belinamandla pezu kwelika‐Jowabi, napezu kwelenkosi zempi. Waza wapuma u‐Jowabi nenkosi zempi ebusweni bokumkani ukuya kubala abantu, o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Laqina ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli-mpi.Waphuma ke uYowabhi nabathetheli-mpi phambi kokumkani, baya kubabala abantu bakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli bamadoda. Waphuma ke uYowabhi nabathetheli bamaphakathi kukumkani, ukuba baye kubabala abantu bakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.