2 Samuel 3:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU kwabekuko ukulwa okude pakati kwendlu ka‐Saule nendlu ka‐Davide: kodwa u‐Davide wamana ukwomelela, kanti indlu ka‐Saule bona bamana ukuba butataka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku yoluka imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. UDavide waya esomelela ngokomelela; indlu kaSawule yaya incipha ngokuncipha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaba kude kube yimfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide; uDavide waya esomelela ngokomelela; yasuka yaphelelwa ngamandla indlu kaSawule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwaba lixesha elide kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. Lo gama iphelelwayo indlu kaSawule, ekaDavide yona yayisiya iqina ngokuqina.