2 Samuel 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abenere watuma izigidimi ku‐Davide ngenxa yokwake, ukuti: Lelikabanina ilizwe? n okuti: Yenza ucebano lwako nam; bona ke, isandla sam sesiya kuba nawe, ukuguqulela kuwe o‐Sirayeli bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhinere wasusa abathunywa kuDavide esikhundleni sakhe, esithi, Lilizwe likabani na eli lizwe? uthi, Yenza umnqophiso nam; yabona, isandla sam sinawe, ukuba ndiwazise kuwe onke amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhinere wathumela izigidimi kuDavide ukumthethela, esithi: “Hi bethu, ngaba lelikabani na eli lizwe? Ukuba thina sithe senza imvumelwano, ndokunceda, amaSirayeli onke ndiwagayele kwicala lakho.”