2 Samuel 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Kulungile, ndiya kulwenza nawe ucebano; inye into kodwa ndiyibiza kuwe, yokuti: Akuyi kubona ubuso bam, ukuba akumzisi kuqala u‐Mikali intombi ka‐Saule, wakuza ukubona ubuso bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Kulungile; Ndiya kwenza isivumelwano nawe, kodwa inye into endiyifunayo kuwe, yile: Akuyi kububona ubuso bam, ukuba uthe wazisa uMikali, intombi kaSawule, wakuza kundibona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi: “Kulungile, kodwa ndosenza nawe isivumelwano kuphela ngaphantsi kwalo mqathango: kufuneka uze apha kum noMikali intombi kaSawule.”