2 Samuel 3:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza indoda yake yahamba naye, yamana ilila emva kwake kude kwase‐Bahurime. Wandula u‐Abenere wati kuyo: Hamba, buya. Yaza yabuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye.Yabuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yahamba naye indoda yakhe, ilila, kwada kwesa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Uye wabuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.