2 Samuel 3:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako kaloku yenzani; ngokuba uyehova etetile ngo‐Davide, esiti: Ngesandla sika‐Davide isicaka sam ndiya kusindisa abantu bam o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sentshaba zabo zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yenza ngoku, ngenxa yokuba uYehova wathetha ngoDavide esithi: “Ngesandla sikaDavide umkhonzi wam ndiya kubahlangula abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti nasesandleni seentshaba zabo zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”