2 Samuel 3:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abenere wati ku‐Davide: Ndiya kusuka ndihambe, ndiye kuhlanganisela enkosini yam ukumkani bonke o‐Sirayeli, ukuba benze ucebano nawe, uze upate ubukumkani pezu kwako konke okukanukwayo ngumpefumlo wako. Wada u‐Davide wamndulula u‐Abenere; wasuka wahamba ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kusuka ndiwahlanganisele enkosini yam ukumkani onke amaSirayeli, enze umnqophiso nawe, ube ngukumkani entweni yonke oyinqwenelayo umphefumlo wakho.UDavide wamndulula uAbhinere; wahamba exolile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kuhamba ndiye ndimhlanganisele ukumkani, inkosi yam, amaSirayeli onke, enze umnqophiso nawe, ukulawule konke okunqwenelwa yintliziyo yakho. uDavide wambuyisa uAbhinere; wahamba enoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhinere wathi kuDavide: “Sendikulungele ukuwagayela ngakwicala lakho onke amaSirayeli, mhlekazi, khon' ukuze uvumelane nawo, ube ngukumkani wawo, ulawule phezu kwako konke obe ukade ukunqwenela.” UDavide ke wamndulula uAbhinere, wahamba ngoxolo.