2 Samuel 3:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakufika u‐Jowabi nomkosi wonke obunaye, kwaxelwa ku‐Jowabi ngokuti: u‐Abenere, unyana ka‐Nere, weza kukumkani, owamndulula, wada wemka ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uYowabhi nomkhosi wonke owawunaye, waxelelwa uYowabhi, kwathiwa, uAbhinere, unyana kaNere, ubeze kukumkani, wathi ukumkani makahambe, wahamba enoxolo.”
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika uJowabhi, kunye nomkhosi awayehamba nawo, waxelelwa kwathiwa: “UAbhinere ebeze kubona ukumkani, yaye ukumkani umndulule ngoxolo.”