2 Samuel 3:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jowabi wangena kukumkani, wati: Wenze nto nina; bona ke, u‐Abenere weza kuwe; yinina lento umndululeyo, wada wemka kanye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo?Uyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? nanku uAbhinere eze kuwe; Yini na ukuba umndulule, abe engasekho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi wasuka waya kukumkani, wafika wathi: “Yintoni le uyenzileyo? Uyabona, uAbhinere ebeze kuwe! Kutheni le nto umyekileyo ahambe? Ngoku umkile!