2 Samuel 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jowabi wapuma ku‐Davide, watuma izigidimi emva kwo‐Abenere, ezambuyisayo equleni le‐Sira. Kodwa u‐Davide wayengazi oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uYowabhi kuDavide, wasusa abathunywa ukuba bamlandele uAbhinere, bambuyisela emhadini waseSira; ke yena uDavide ubengayazi loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uJowabhi ukusuka kwakhe kuDavide wathuma amadoda, esithi makaye kulanda uAbhinere. Amlanda ke kwelaa qula laseSira. Wayengazi nto kambe uDavide ngalo mbandela.