2 Samuel 3:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa u‐Abenere abebuyele e‐Hebrone, waza u‐Jowabi wamshenxisela pakati esangweni, ukuze atete naye ngasese, wambeta kona esiswini, wada wafa, ngenxa yegazi lika‐Hasaheli umninawe wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya ke uAbhinere weza eHebron. UYowabhi wamthabathela bucala phakathi kwesango, ukuba athethe naye ngasese. Wamgwaza esiswini, wafa, ngenxa yegazi lika-Asaheli umninawa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubuyeni kukaAbhinere eHebron, uYowabhi wamthabathela bucala esangweni ukuze athethe naye ngasese, waza wamgwaza apho esiswini, kangangokuba wafa ngenxa yegazi lika-Asaheli umntakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufika kwakhe eHebron uAbhinere, uJowabhi wambizela bucala ngasesangweni, ngokungathi uza kuthetha naye ngasese. Bathe beselapho suka uJowabhi wamhlaba uAbhinere esiswini, wafa. Waba ke njalo uJowabhi uyaliphindezela igazi lomntakwabo uAsayeli owabulawa nguAbhinere.