2 Samuel 3:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Jowabi no‐Abishai umninawe wake bambulala u‐Abenere, ngenxa yokuba ebemfisile u‐Hasaheli umninawe wabo e‐Gibeyone ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowabhi noAbhishayi umntakwabo bambulala uAbhinere, ngenxa yokuba wayembulele uAsaheli umntakwabo edabini eGibheyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaba njalo ke ukuphindezela ukufa kuka-Asayeli edabini laseGibheyon. Kwaphindezelwa nguJowabhi kunye nomntakwabo uAbhishayi.