2 Samuel 3:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Izandla zako bezingabotshwanga, nenyawo zako bezingafakwanga emakamandeleni obedu: njengowayo pambi kwonyana bobumenemene, wawa wena. Baza bonke abantu bandisa ukulila pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izandla zakho bezingakhonkxwanga, iinyawo zakho bezingafakwanga amakhamandela obhedu, Uwe njengowa phambi kwamabhedengu. Baphinda bonke abantu bamlilela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izandla zakho bezingabotshwanga, neenyawo zakho bezingabotshwanga; bawa njengokuwa kongendawo. Babuya bonke abantu bammbambazelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izandla zakho bezingabotshwanga; iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga. Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.” Baqala emva ukugixa abantu.