2 Samuel 3:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula beza bonke abantu ukumdlisa u‐Davide isonka, nxa kuseko imini: kodwa wafunga u‐Davide, esiti: Utixo makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo, ukuba nditi, lingekatshoni ilanga, ndive isonka umhlaumbi enye into yimbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abantu beza kumdlisa uDavide isonka, kusesemini.Wafunga uDavide, esithi. UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndeva isonka, nokuba yinto eyiyimbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza bonke abantu ukuba badle uDavide emini enkulu, wafunga uDavide, wathi, Makenjenje uThixo kum;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abantu babemcenga yonke loo mini uDavide, ukuba kubekho into ayityayo, kodwa uDavide wafunga esithi: “Makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndangcamla isonka nokuba yiyiphi na enye into etyiwayo.”