2 Samuel 3:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam ke, namhla ndibutataka, noko ndingukumkani otanjisiweyo; nalamadoda, onyana baka‐Tseruya, alukuni kum: uyehova uya kumvuza umenzi wenkohlakalo njengenkohlakalo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ndisebuthathaka, ndisathanjiswa namhla ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, alukhuni kum.Akwaba uYehova angambuyekeza umenzi wobubi kwangobubi bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye namhlanje ndibuthathaka, nangona ndathanjiswa ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, anamandla kunam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiziva ndityhafile mna namhlanje, ngoku kanye ndingukumkani othanjisiweyo. Aba bafo bangoonyana bakaZeruya baziindlongo-ndlongo, mna bayandixaka. Akwaba uNdikhoyo angamohlwaya umenzi wobubi ngendlela emfaneleyo.”