2 Samuel 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abenere waqumba kakulu ngenxa yamazwi ka‐Shiboshete, wati: Ndiyintloko yenja na mna, enditi ngakubo o‐Juda, ndenze ububele namhla kuyo indlu ka‐Saule uyihlo, kubo abazalwana bake, nakubo abahlobo bake, ndingakunikelanga esandleni sika‐Davide, ukuba uyabeka pezu kwam ityala lalomfazi namhla?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenze kule nkazana namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha kunene ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaNkosi-bhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja na eyenzela inceba uYuda namhla, kwindlu kaSawule uyihlo, nakubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe, andikwenzanga oko? uyonga? esandleni sikaDavide, ingaba namhlanje undityhola ngetyala laloo mfazi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wangcangcazela ngumsindo uAbhinere ngenxa yala mazwi kaIshbhoshete, waza wathi: “Hi, mfondini, undenza inja kwaJuda! Uthi ingandim ojikela uSawule ngasemva? Unanamhla oku umzi kaSawule, uyihlo, ndisathembekile kuwo, kubantakwabo, nakumahlakani akhe; andikawungcatshi kuDavide, kodwa naku wena namhla undityhola ngomntu obhinqileyo!