2 Samuel 4:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WATI akuva unyana ka‐Saule ukuba u‐Abenere utile e‐Hebrone, zandula izandla zake zapolelwa, nabo bonke o‐Sirayeli betuswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva unyana kaSawule ukuba uAbhinere uyibhuqile iHebron, zotha izandla zakhe. Oyika onke amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unyana kaSawule uIshbhoshete waphelelwa ngamandla zakufika iindaba zokuba uAbhinere ufele eHebron, othuka kakhulu namaSirayeli.