2 Samuel 4:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wayalela amadodana ake, aza ababulala, anqumla izandla zabo nenyawo zabo, abaxo̔ma ngasecibini e‐Hebrone: kodwa intloko ka‐Shiboshete ayitabata, ayincw̔aba encw̔abeni lika‐Abenere e‐Hebrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wawawisela amadodana akwakhe umthetho. Ababulala, abanqumla izandla neenyawo, azixhoma echibini eHebron; ke intloko kaIshbhoshete ayithabatha, ayingcwaba engcwabeni lika-Abhinere eHebron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, bababulala, babanqumla izandla neenyawo, babaxhoma echibini laseHebron. Bayithabatha ke intloko kaNkosi-bhoshete, bayingcwabela engcwabeni lika-Abhinere eHebron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uDavide abafana mabababulale abo bafo. Benjenjalo ke, babanqumla iinyawo nezandla, babaxhoma ngasedamini lamanzi eHebron. Intloko kaIshbhoshete yona bayithatha, bayifaka engcwabeni lika-Abhinere apho eHebron.