2 Samuel 4:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bahamba onyana baka‐Rimone um‐Berote, u‐Rekabe no‐Bahana, beza endlwini ka‐Shiboshete yakufudumala imini: waye yena elele emandlalweni emini enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahamba oonyana bakaRimon waseBheroti, ooRekabhi noBhahana, ekufudumaleni kwemini, bafika endlwini kaIshbhoshete, elele emini enkulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaRimon waseBheroti, uRekabhi noBhahana, bahamba baza bafika endlwini kaIshe-bhosheti emini emaqanda, elele ebhedini emini enkulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Basuka ke uRekabhi noBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, benjenjeya ukuya kwaIshbhoshete, bafika khona emini emaqanda, ngexesha esangqengqile, ephumle ngokwesiqhelo sakhe emini ngelo xesha.