2 Samuel 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bangena kona kude kwapakati kwendlu, njengokungati bebezeka inqolowa, bambeta esiswini: bati u‐Rekale no‐Bahana umzalwana wake basinda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bona bangena endlwini phakathi, ngokungathi baza kuthabatha ingqolowa, basuka bamtsho esiswini; basaba uRekabhi noBhahana umzalwana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafika phakathi kwendlu, ngathi baya kuthabatha ingqolowa; yaye bamxhoma kubambo lwesihlanu, waza uRegabhe noBhahana umntakwabo babaleka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
OoRekabhi noBhana bangena endlwini phakathi ngokungathi beze nengqolowa, basuka bamhlaba esiswini, baza basaba.