2 Samuel 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bakungena endlwini, ebelele yena pezu kwomandlalo wake enkambilini yake yokulala; bandula bambeta, bambulala, bamnqumla intloko, batabata intloko yake, bahamba ngendlela yetafa bonke ubusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bambetha, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, babarhuqela ethafeni ebusuku, bonke abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bathi ngqo ngomandlalo kaIshbhoshete, bafika bamgwaza bamosela esalele njalo. Bamnqumla intloko, bahamba nayo ubusuku bonke, batyhutyha loo ntili yaseJordan.