2 Samuel 4:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Davide wapendula u‐Rekabe no‐Bahana umzalwana wake, onyana baka‐Rimone um‐Berote, wati kubo: Ehleli nje uyehova, okululeyo umpefumlo wam kubo bonke ubunzima;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana umzalwana wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana, umkhuluwa wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam kuzo zonke iimbandezelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wabaphendula uRekabhi nomntakwabo uBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi: “Ekho nje uNdikhoyo obekade endikhulula kuzo zonke iingxingwa, inene,