2 Samuel 5:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuviwa ngama‐Filistiya ukuba bamtambisile u‐Davide abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, andula enyuka onke ama‐Filistiya ukuya kumfuna u‐Davide. Waza u‐Davide, akuva oko, wehla waya enqatyeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli: enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa amaFilisti evayo ukuba babemthambisile uDavide ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli, onke amaFilisti enyuka esiya kufuna uDavide; Weva ke uDavide, wehla waya entabeni enqatyisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wemka waya kuhlala kwindawo eyinqaba.