2 Samuel 5:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako kwa ngapambili, xeshekweni u‐Saule abengukumkani pezu kwetu, ebenguwe owapumisa nowangenisa o‐Sirayeli; kanjalo uyehova wati kuwe: Wena uya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli, wauya kuba yinkosi pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yinganga yamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphambili, oko uSawule ebengukumkani wethu, ibinguwe ebebakhupha oonyana bakaSirayeli, ubangenise; wathi uYehova kuwe, Wena uya kubanyamekela abantu bam amaSirayeli, wena ube ngumlawuli kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”