2 Samuel 5:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide weza e‐Bali‐peratsime; wawabeta kona u‐Davide, wati: Uyehova utyobozele ezintshabeni zam ebusweni bam njengesityobozelo samanzi. Ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Bali‐peratsime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uDavide eBhahali-perasim; wahlala khona uDavide kubo, wathi, uYehova undityhoboze njengomlambo, esilwa neentshaba zam phambi kwam ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka ke uDavide, wenjenjeya ukuya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uNdikhoyo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngaphambi kwam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim.