2 Samuel 5:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wabuza kuyehova, owati: Akuyi kunyuka; kodwa zekelela ukuya ngasemva kwawo, uwafikele malungana nemiti yebaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wabuza kuYehova, esithi, Musa ukunyuka; kodwa niwajikeleze ngasemva nize niwahlasele ngasemithini yamaqunube.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza uDavide wabuzisa kuNdikhoyo kwakhona, ke yena uNdikhoyo wathi kuye: “Sukuya ngqo kuwo, koko warhawule, uwahlasele uvela ngasemva kwawo phaya ngakwimithi yebhalsam.