2 Samuel 5:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa uvayo isandi sokuhanjwa ezincameni zemiti yebaka, wandule unxame; ngokuba oko uyehova esel’ epumile pambi kwako, ukubeta umkosi wama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngelaxesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kuthiwa ukuba usiva isandi sokunyathelwa phezu kwemithi yommirtile, ngoko uya konwaba; ngokuba ngoku uYehova uya kunikhokelela ekuxabeleni izintlu zamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ngokukhawuleza, kuba yoba ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.”