2 Samuel 5:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waya ukumkani namadoda ake e‐Yerusaleme kuwo ama‐Yebusi, abemi belozwe: atsho ke ku‐Davide esiti: Akuyi kungena apa, ungekazikwelelisanga imfama neziqwala; oko kukuti: u‐Davide akayi kungena apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza ukumkani namadoda akhe baya eYerusalem kumaYebhusi abengabemi belizwe, bathetha kuDavide, bathi, Ukuba uthe akwasusa iimfama neziqhwala, akuyi kungena apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uDavide wanduluka nomkhosi wakhe ukuya kuhlasela amaJebhusi awayemi eJerusalem. AmaJebhusi athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena! Kwaiimfama neziqhwala ezi zingakujika!” Kaloku ayesithi: “UDavide akangeke abe nako ukutyhoboza.”