2 Samuel 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide ngalomhla: Osukuba ebeta ama‐Yebusi, afikelele emjelweni, abete nemfama neziqwala ezitiywayo ngumpefumlo ka‐Davide, kwa yena uya kuba yintloko nenkosi. Ngako oko bekutiwa: Oyimfama nosisiqwala akayi kungena endlwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uDavide ngaloo mini, wathi, Bonke abaya kukhwela emhadini, babulale amaYebhusi, neziqhwala, neemfama, abathiyiweyo entliziyweni kaDavide, ngabo aba yintloko nentloko; Bathi ngoko, Iimfama neziqhwala azinakungena endlwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavakala esithi uDavide ngaloo mini: “Ukuba kukho umntu ozimisele ukuwoyisa la maJebhusi aziintshaba zam makanyuke ngalaa msele wamanzi ungaphantsi komhlaba, aye kubulala eziya ‘ziqhwala neemfama’!” (Savela apho isaci esithi: “Iimfama neziqhwala azinakungena endlwini kaNdikhoyo.”)