2 Samuel 5:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wahlala enqatyeni, wayibiza ngokuti sisixeko sika‐Davide. Waza u‐Davide waka ngokungqonga, kutabata e‐Milo nangapakati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wakha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide waya kuhlala kuloo nqaba, wayibiza ngokuba sisiXeko sikaDavide. Wazakha uDavide yonke into esuka eMilo naphakathi kwelizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waya kuhlala apho ke kuloo nqaba uDavide, waza wayibiza ngokuba sisixeko sikaDavide. Wakha isixeko sayijikeleza, esiza nganeno ukusukela kungqameko.