2 Samuel 6:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wabela kubo bonke abantu, kuso sonke isihlwele sama‐Sirayeli, kwa kuwo amadoda nakubo abafazi, kwabanye ngabanye isimbana lesonka, nesiqendu senyama, negubu leveyine. Bada bemka bonke abantu baya abanye ngabanye ezindlwini zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wababela bonke abantu, yonke ingxokolo yamaSirayeli, kwathabathela kwindoda kwesa nakumfazi; elowo wamnika umqhathane wesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi. Baya ke bonke abantu elowo endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababela bonke abantu, kwingxokolo yonke yakwaSirayeli, abafazi namadoda; elowo wamnika iqhekeza lesonka, neqhekeza lesonka, nesuntswana lewayini, nendebe yewayini. Emva koko bonke abantu baya emakhayeni abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka, nesuntswana leedatile neleerasentyisi. Kwagodukwa ngumntu wonke.