2 Samuel 6:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesuka u‐Davide, wemka nabantu bonke ababenaye e‐Bahale‐juda, uku nyusa kwa kona ityeya katixo, ekupezu kwayo igama libizwayo, igama likayehova wemikosi, ohlala pakati kwekerubime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma ke uDavide, wahamba nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kuyithabathela khona ityeya kaThixo, ogama ligama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waya nawo eBhali kwaJuda ukuya kulanda khona ityesi yomnqophiso kaThixo, enegama *likaNdikhoyo onamandla onke, ongqendeve phezu kwemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko.