2 Samuel 6:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wabuya u‐Davide ukuya kutamsanqelisa indlu yake. Waza wapuma u‐Mikali, intombi ka‐Saule, ukuza kumkaulela u‐Davide, wati: Hai ukubekeka kwokumkani wo‐Sirayeli namhla, obezihluba namhla emehlweni ezicakakazi zezicaka zake, njengokuba omnye wabantu abangendawo ezihluba ekuhleni!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uDavide, eza kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali intombi kaSawule, eya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya ke uDavide, waya kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali, intombi kaSawule, esiya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, njengoko ezibonakalisile namhla emehlweni abakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko omnye wamatshijolo ezenza oneentloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akufika ekhaya uDavide, ezimisele ukusikelela indlu yakhe, umkakhe uMikali intombi kaSawule wamhlangabeza, wathi: “Ngxatsho ke, kumkani wamaSirayeli! Yini, wethu, awabi nazintloni ukuhamba ze nangaphambi kwezicakazana zamaphakathi akho? Ubunjengendlavini, yona ihamba izihluba nje naphi na!”